Ukufa yindalo

Ukufa yindalo Im a writer

I write about the way people can be sometimes and how to grow with out parents

22/12/2020

Wandenza mama😭
5

(Wandijonga kakubi nam ndabe ndothukile ndampusha ndabaleka ndaya endlini xandifika haiibo kuvaliwe from e gatini to emnyango ndivule xandingena ndikhawulelwa zizitya emnyango ndingahoyi ndizi qoqoshe kungene u Sive no mihle)
Me:molweni ladies
Sive:molo
Me:nisuka phi Sana
Sive:besiyo dlala
Me:phi Kuba ndibuye ndingekho apho bendini gcinise khona
Sive:kuye kwafika u Minny sidlala ecakwendlu wasibiza wathi masiyodlala kowabo sahamba safika kowaba wasinika ukutya satya osogqiba wasigxotha sabuya ke hok
(Ndothuka ke Kuba klk u Minny ngulo ebelahlekile futhi ndizibuza umbuzo othi kutheni esogqiba banika ukutya wabagxotha kakubi..Lento yam yonga hoyi mxm ndibanike ukutya ker batye bahambe bayolala ndithi ndisahleli ndingeka lali ndive I nock emnyango)
Me:Ngubani
Person on door: vula Asemahle
(I voice leh yeka mama)
Me:mama nguwe
Person on door:ewe vula sisi
(Ndibaleke ndiyovula Zabe inyembezi zizehlela ndavula umama uhamba noo bhuti abathathu ubeleke umntana bangene bangxile nongxila andinike umntana lomntana yikwekwe akakhali man ok ndimthathe ndimhlambe akakawisi nenkaba xandimbuza umama nangaphi uthi une 4 days.ndimhlambe ke ndimphekele I mash potatoes Kuba akaphathelwanga no kutya akanazo nempahla haiike atye ndimbhijele nge bhayi alale umama uyangxola nebafana sana ok bude behle buthongo ndithi ndisalele ndive umnyango we room uvuleka xandisothuka ndojonga emnyango ngomnye wabatata bahamba no mama)
Me:Xolo bhuti ufunani apha
Lo bhuti:ndifuna ulala
Me:hambolala e roomini ka mama le ingaphayana
(Kuthi gqhi umama)
Mama:hey wena Asemahle kukwam apha lobhuti uzolala apha nawe uzolala apha
(Akhwele ebhedini lobhuti alale ecakwam ndimve endibamba impundu)
Me:mama!mama!
Mama:yintoni
Me: lobhuti undibamba impundu undikhulula iblukhwe
Mama:kengoku ithini lonto
(Lo bhuti ayandikhulula ndiyakhala abantwana bavukile nabo baya Lila agqibe undikhulula lo bhuti athathe ibhanti lakhe andi bophelele izandla wakhulula naye wandivula imilenze)

21/12/2020

Wandenza mama😥
4

(Ndothuka andahoya sabuyela klasini nyani no mam hayke sade saphuma iskolo ndagoduka endleleni egodukayo nda dibana no Mama ka Minny )

MakaMinny:yewena ntombazana umenze ntoni umntanam ndifonelwe skolweni kuthiwa ebedlala nawe wanyamalala
Me:Xolo Mama andimazi ebethe k*m eksene uya epakini aka phinde wabuya
MakaMinny:jonga ntombencinci aklingi angabuyi namhlanje mntanam ulibambe lingatshoni
(Wahamba ke nam andamhoya ndahamba ndafika endini ndakhulula I uniform ndayothatha abantwa e next door xandifika pha akhomntu ndiqonde haii bazikhuphile njer wethu
Ndigoduke ndifike ndlini ndipheke Nyan ndibaphakele ndihlale phantsi nditye kufike itshomi yam u Azania)

Azania:Molo chomam
me:ewe
Azania:cela undikhaphe ndiye e renkini ndiyothenga amathumbu
Me:yhoo Xolo Aza azokwaz ndilinde abantwana
Azania:ndiyakucela sokhaleza sbuye wethu
(Ndivume wethu Kuba kuhleli kungekho kude renkini nyani sihambe nditixe mnyango ne bagla ne gate sihambe Nyan singahlali sikhaleze sbuye xasikufutshane nasekhaya ndithi xandi jonga ekhaya igate ayivalwanga ndibaleke ndiye khona ndojonga xandifika I bagla ivuliwe nomnyango uvuliwe ndoyike ungena Kuba klk mna bendimke apha ndivalile and bendimke Nazo izitixo ndibaleke ndiye klo Azania xandifika khona akhomntu ndithi xandiphuma e gatini ndadibana no MakaMinny )

07/12/2020

Wandenza mama
3

(Ndafika ndabeka ubhaka wam ndaphuma ndayoma ecamkwe klasi wa phuma u Minny eklasini )
Minny:molo Asemahle
Me:molo Minny
Minny:cela uxolo ngento endikwenze yona bendinomsindo kuba mna ndibethiwe wena awabethwa
Me:ok ndiyakuxolela kodwa into ondenze yona iye yandiphatha kabuhlungu
Minny:enkosi.masambe siyodlala epakini
Me:asizokwazi kusesekseni songcola
Minny:mxm yeka xaungafuni uyodlala nam sisi
me:haiibo Minny.phof hamba azokcenga
(Wahamba Minny wayake epakini yakhala intsimbi yongena.u Minny akakabuyi)
Miss:uphi u Minny bethuna
Me:usepakini mam
Miss:khobaleke mntanam uyombiza
( Ndaphuma ndabaleka xandifika ulele phantsi xandimvusa akavuki wabe ephuma igazi emlonyeni ndabaleka ndabuyela eklasini ndayoxelela u mam wabaleka ker xasifika akasekho u Minny kulandawo ebekuyo)
Mam:uphi lomntu uthetha ngaye nha wena
Me:ebelapha nje mam
Mam:uyagula uphi ngok masambe siye klasini wena

02/08/2020

Wandenza mama 😭
2
(Ndithe xandingena endlini umama akekho kukho u Sive no Mihle)
Me:Sive uphi umama
Sive:uhambile
Me:uyephi
Sive: klk bendihleli sinqenqile no mama umama wavele waphakama ingathi uyaqaqanjelwa wakhaleza wa thatha impahla ze sana wathi uyebuya andimazi
(Ndaye nda lost andaz uyephi so nda cleaner bek*mdaka mos ndahlamba u Mihle ne kawusi ne shert yeskolo ndapheka I rice ne nyama enamazambane ne mixed vegetables ne sweet potato ecaleni ndaphaka Satya sibukele I tv silindi ndicinge umama uyeza haii tuu akafiki kwayena ndalungisa ibhedi sancokola salala ndabe ndi sett alarm kwi alarm esecakwe bhedi ka mama ndavuka ekuseni ngo 05 ndabeka manzi ohlamba ndabe nditsweba inwele zam ndi polish izihlangu nda aron I uniform yam I lokhwe yeskolo ndatsho ndahlamba ndagqiba ndapheka I oats satya ndenza I lunch ke hok ndaxakeka abantwana ndizobasaphi ndabapakishela ukutya ndabahlamba ndayo bacelela ku cc Zama wase next door wabathatha ndahamba ndaya skolweni endleleni nda hootelwa yimoto xandijika yimoto ka principal wathi mandikhwele ndangena sahamba wandothula skolweni ndayongena klasini ndafika kukho u Minny)

31/07/2020

Wandenza mama 😭

1

(Kusekuseni ke ndivuswa ngu Mama ba ndiye skolweni)

Mama: Asemahle xesha loya skolweni
Me: ndonqena mama
Mama:haii Ase khovuke abanye abantwana baya skolweni
(Ndaphakama ndayohlamba ndakama nwele zam ndazi bopha ndathambisa ndanxiba I uniform yam ndapolisha hlangu zam ndayo chitha manzi ndapura ikom ndondlula ibedi yam ndathatha ubhaka ndaya e front ndajonga ixesha yabe ingu 05:40 ndabe ndivuke ngo 05:00 ndapheka isdudu ngelxesha sibilayo ndabe ndibhala I home work yam umama yena wabe ebuyele ezingubeni elele no Sive no Khanya wabe emithi u Vuyo sivuthwa isdudu ndabaphakela ndayobanika ndiye ndatya ker ndahlamba izitya ndathatha I apile ne juice ne Orange ndenza I lunch isonka ne Rama ne pallon ndahamba ndaya skolweni ndandine minyaka 9 ngoko ndithe xandisendleleni ndadibana no Minny Chommie yam isiya skolweni sahamba sobabini)

Me: Minny cela ndilinde
Minny:baleka
(Siye sahamba ke sincokola safika esikolweni sabeka obhaka sayohlala elangeni yangena intsimbi sangena iziklasini )

Tishala:khuphani home work
(Bendisafunda grade 3 ngoko siye sakhupha Incwadi ke sayokorekisha kuye kwabethwa klass yonke no Minny even indim ndedwa oyibhalileyo)

Tishala: Asemahle Ina mntanam
Me: enkosa tishala
(Yabe iyi R10 )

(Kuye kwafundwa ker kwakhala I bell saphuma sayodlala)

Minny : uyaphi wena emva kwam
Me: haiibo Minny
Minny: andihambi nawe mna sisi kubethwe mna wena awabethwa ngeke

(Ndiye ndahamba ndaya eklasini ndakhupha I lunch yam ndahla ndatya kuye kwafika u miss xhina wathi mandiyo hlala naye siye sancokola ker kwamnandi sihleka kuye kwangena I bell bangena bantwana base klasini kwafundisa saphuma iskolo ndiye ndaqoqosha into zam ndathatha bhaka wam ndaphuma ndabizwa ngu Principal Ndingiswayo ndaya)

Principal:molo nontombi
Me: ewe tishala
Principal: yaphila
Me: yaphila khonto bawo yasinceda kunjani kuwe tishala
Principal:nam ubawo ungecala lam... mntanam yaz ndiyaqala ubona umntana ofana nawe aphe mhlabeni.. uzithobile,unembeko, ndiyaqala nobona umntana ophendula kanjer impilo othembele kubawo..ungaba phoxi bazali bakho sisi yeva wena ulithemba lakowenu
Me:Enkosi tishala.soze ndimphoxe u mama nabantwana bakhe
Principal: unguban fani yakho
Me: Ndabeni tishala
Principal:ok ker ntombi Iza ndikugoduse
(Siye sakhwela motweni ndambonisa indlela wandibeka phambi kwendlu ndehlika)
Me: Enkosi tishala uthixo ukusikelele
Principal: Enkosi bhabha
(Yahamba imoto ndangena endlini )

31/07/2020

Hello people my Name is Asemahle I stay at cape Town in Site B ndifunda e Zola business school I'm in grade 12

In this book I write about I story Sam 💔😭

Ekhaya ndikhu le without umntu omdala ndihlala nabantwana baka mama abathathu abangamantombazana mabini omdala ibingu Sive ndiqala umkhulisa eneminyaka 5 omnye naye ntombaza omncinci kuno Sive ngu Khanya yena ndiqale hlala naye eneminyaka 3 usive Ena 5 kubekho owokugqibela uyinkwenkwe one minyaka 3 months mna qala kwam hlala nabo bendine minyaka 9 aba bathathu ngabantwana baka mama utata wam wasweleka ndina 5 ndahlala no mamam

Ekuhambeni kwe xesha umama wanabanye abantwana emithiswa ngama gweja

Umama waphuma endlini esithi uya eShop zange aphinde abuye endindishiye nabantwana

Kodwa mna ndizo qala u bhala kwindawo u mama wayekhona till today

Guys please support my page ❤️🌻🌹🏆

Address

Tsolo

Telephone

+27712152855

Website

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Ukufa yindalo posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Share